IMBONO
Imbono yeli Sebe lezeMicimbi yaseKhaya kukunika inkonzo yodidi lwehlabathi. Kule minyaka yangoku ubuchule boyilo buqalise ukudlala indima ecacileyo kwimizamo yeSebe yokuphucula ukunikezelwe kweenkonzo kubo bonke abaxumi balo kwilizwe lonke. Kubethelela engqondweni ukuba wonke umntu eMzantsi Afrika- ummi, umhlali, umsabi okanye undwendwe ngumxumi weSebe lezeMicimbi yaseKhaya, ukunikezelwa kweenkonzo ezikumgangatho ophezulu yinjongo yobuchule bokuqala ekhokelela kuyilo nesenzo sesebe. ISebe lizibophelela kwiinkqubo ezahlukeneyo eziya kuba sisiseko sokubumba kwakhona izixokelelwano zamaziko akhoyo kunye noshishino ukunika isiseko sokunikezela ngeenkonzo.
INJONGO
Injongo yesebe kukuphucula nokukhusela ubulungisa besizwe. Injongo: kukuchongo ooNdoqo kwiMpumelelo yeeNkonzo. kuphando lwalo lokuzalisekisa injongo yalo iSebe lichonge ezi meko zilandelayo njengezibalulekileyo ukuqinisekisa imvumelwano nababandakanyekayo, abaxumi kunye nokulindelwe ngamalungu esitafu:
Ugqaliselo kuqhelaniso lwabaxumi
Inkonzo esemgangathweni
Imvumelwano nabantu abagunyazisiweyo
Ukufikelela kwiinkonzo
Iinkonzo ezingenankohlakalo
IZIQULATHO
Isingeniso somPhathiswa
Intshayelelo yomGaqo-siseko ibeka imfanelo kurhulumente yokuphucula umgangatho wobom labo bonke abemi nokukhulula amandla afohlakeleyo omntu ngamnye.
ISebe lezMicimbi yaseKhaya libonelela ngamaxwebhu anika abantu amalungelo kwizindlu, kwimfundo, kwimpilo, kwiminikelo yentlalo, kwimihlala-phantsi, kwimisebenzi, kwiinkonzo zemali nokusebenzisa elona lungelo lisisiseko - ukukhetha urhulumente othandwa ngabo. Ukongeza iSebe lezeMicimbi yaseKhaya lizimisele ukukhusela ubulungisa belizwe lethu ngokugqiba ukuba ngubani ongandwendwela uMzantsi Afrika, nokokuba ngubani onokonwaba kunye nathi kubuhle namalungelo edemokrasi yethu noqoqosho lwayo oluncinane nolusakhulayo.
Ukuze idemokrasi noqoqosho lwanamhla zisebenze ubunguwe newonga labanye nabanye abahlala nabasebenza elizweni kufuneka zirekhodishwe ngokuchanekileyo kwaye kufuneka zifikeleleke. Imisebenzi engundoqo yeSebe lezeMicimbi yaseKhaya: ukurekhodishwa kobunguwe newonga labemi, abahlali kunye nabatyeleli - kubalulekile kulawulo nokumiswa kakuhle kwemisebenzi yopolitiko, yoqoqosho neyentlalo. Yenza isiseko sokumiswa kolawulomelo nophuhliso.
ISebe lezeMicimbi yaseKhaya likwayindlela apho abantu bethu neendwendwe zethu zibona urhulumente nelizwe lethu. Bonke abemi boMzantsi Afrika kunye neendwendwe zamanye amazwe kwilizwe lethu bafuna iinkonzo kwiSebe. Ngako oko iimbono zabo kukunikezelwa kweenkonzo zikarhulumente jikelele zisekelwe kula mava. Ukongeza kulawulo lwala maxwebhu iSebe linomsebenzi wokulawulo omnye nomnye ongena nophuma eMzantsi Afrika.
UMthetho wesiLungiso wabangeneleli omtsha ( uMthetho we-19 lowama-2004) ophunyezwe ngomhla we-18 ku-Okthobha wama-2004 uguqule ngokugqibeleleyo ulawulo lomngeneleli kwilizwe lethu. Umsebenzi omninzi uyenziwa ngeli xesha ukuqeqesha amagosa esebe labangeneleli malunga nokufunywa ngulo mthetho mtsha kwaye ukulungisa iMimiselo ephuma kulo mthetho. ISebe likwalenza kwaye linyanzelisa uMthetho wabaSabi ( uMthetho we-130 we-1998) ongaquki ukunika impembelelo kwizixhobo zamazwe ngamazwe ezinxulumene nabasabi. Ngokubanzi iSebe lezeMicimbi yaseKhaya ibonelela ngeenkonzo ezimbini ezingundoqo: iinkonzo zommi wesixeko neenkonzo zabangeneleli.
Iinkonzo zabangeneleli zinxulumene nolawulo lokungena, lokuhlala nokuphuma kwabantu bamanye amazwe eMzantsi Afrika ezilawulwa nguMthetho wabangeneleli noMthetho wabaSabi. Nakumazwe ngamazwe ungenelelo luyagqaliselwa ukumisela amalungelo aphambili esizwe. Kwimeko yoMzantsi Afrika inkonzo yabangeneleli ikwanqumleza imizebenzi eyenziwa ngamaziko namasebe karhulumente awohlukeneyo.
Le nkonzo ikwafuna ukwenziwa kwemigaqo, ukujongwa kwemisebenzi yongenelelo kumaphondo nakwii-ofisi zabantu bamanye amazwe, ukwandisa iqela leemvume ezilawulwa liSebe, ukungena okuzingileyo kwabantu bamanye amazwe eMzantsi Afrika. Nangona kunjalo ulwazi oluninzi lweenjongo zale ncwadana ziya kunxulumana neenkonzo ezibhekiselele kubemi boMzantsi Afrika. Incwadi eyenye kwiinkonzo zongenelelo iya kuveliswa. Iya kusasazwa ngokubanzi xa imimiselo yongenelelo ithe yagqitywa, umhlawumbi iyakwenzeka ngaxeshanye nokwenziwa kwemithetho yesizwe yongenelelo eMzantsi Afrika.
Kwixesha elithile, bekungacacanga kubantu abaninzi ukuba kulindelwe ntoni kubani ukufikelela kwiinkonzo zeMicimbi yaseKhaya. Le ncwadana Imicimbi yaseKhaya kuNcedo lwakho ifuna ukucacisa ngokulula ngangemeko eqondekayo, ukubaluleka kokwenza isicelo samaxwebhu akhoyo kwiMicimbi yaseKhaya, iimfuno zokucela uncedo ngalunye, amaxabiso abandakanyekayo, lingakanani ixesha elithathwayo nolwazi olusemxholweni olunxulumene neeNkonzo zeMicimbi yaseKhaya. Kuba wonke umntu eMzantsi Afrika, ummi, umhlali, umsabi okanye umtyeleli - engumxumi weSebe lezeMicimbi yaseKhaya ukunikezelwa kwenkonzo ekumgangatho ophezulu yinjongo yobuchule yokuqala elawula uyilo nesenzo sesebe. ISebe lizibophelele kwiinkqubo ezahlukeneyo eziya kulibumba kwakho kwaye liphucule izixokelelwan9o neenkqubo ezibonelela isiseko sokunikezela iinkonzo ezisemgamgathweni
Le ncwadana kwakho iya kunika izalathisi zokuphendula umbuzo onzima: ngubani ummi woMzantsi Afrika, ngubani onelungelo lubumi boMzantsi Afrika? Kuyaqondakala ukuba iingcinga zale meko zivuselela iimvakalelo xa kujongwe imbali yelizwe lethu, apho sisuka khona, apho siya khona nobubodwa bethu kwanokwahlukana, siyinganika njani intsingiselo xa sisonke nangobunye kukuxabiseka obufakwe kumGaqo-siSeko wethu. ISebe lezeMicimbi yaseKhaya iyaqhubekeka kwaye iya kuqhubekeka ukukhokelwa yintlonipho yokufunekayo kumgaqo-siseko ukuba Umzantsi Afrika ngowabo bonke abo bahala kuwo, behlangene kukwahlukana kwethu.
UmGaqo-siSeko womzantsi Afrika uthembisa ilungelo lommi kwaye uthi akukho namnye ummi onokwalelwa ilungelo. NgokoMthetho wobuMi boMzantsi Afrika UMthetho wama-88 we-1995 noMthetho we-17 wama-2004 ngokwesilungiso, ubumi boMzantsi Afrika kungafunyanwa ngokuzalwa, ngokunikelwa njegelifa, ukunikwa amalungelo obumi, uphindo okanye ukubhaliswa encwadini.
UmMi woMzantsi Afrika ngokuzalwa
UMthetho ochazwe ngaphambili uqale ukusebenza ngomhla wesi-6 ku-Okhtobha ngowe-1995. Uchaza ukuba ummi woMzantsi Afrika ngokuzalwa nguye nabani ozelelwe eMzantsi Afrika onomzali omnye ubuncinane ongummi woMzantsi Afrika okanye umhlali osisigxina ngexesha lomntu ebezalwa. Amalungiselelo ahlukeneyo ebekho kwiminyaka engaphambili kwalo Mthetho. Nabani ochukunyiswa ngoku ubumi bakhe obumiselwayo kufuneka aqhagamshelane ne-ofisi yezeMicimbi yaseKhaya ekufutshane okanye izithunywa zoMzantsi Afrika ukuba uphesheya.
Umntwana ozelwe eMzantsi Afrika ongengommi waseMzantsi Afrika onelungelo lokuba ngummi ngokuzalwa ukuba wamkelwe njengomntwana ngummi waseMzantsi Afrika ngokuphathelele kuMthetho wokuKhathalela umNtwana we-1983 ( uMthetho wama-74 we-1983). Nceda uqaphele ukuba ukuzalwa komntwana kufuneka kubhalisiwe ngokunxulumene noMthetho waoBhaliso lokuZalwa nokuFa we-1992.
UmMi woMzantsi Afrika ngokunikelwa njengelifa
UmMi woMzantsi Afrika ngokunikelwa njengelifa nguye nabani ongazalelwanga eMzantsi Afrika ozelwe ngummi okanye abemi boMzantsi Afrika. Ukuzalwa kwakhe kufuneka kubhalisiwe ngokunxulumene noMthetho waoBhaliso lokuZalwa nokuFa we-1992.
UkuNikwa amaLungelo obuMi
Nabanina onemvume yokuhlala esisigxina yoMzantsi Afrika unelungelo lokwenza isicelo sobumi boMzantsi Afrika ngokunikwa ilungelo lobumi emva kweminyaka emihlanu engumhlali osisigxina. Nabani otshate ummi waseMzantsi Afrika unelungelo lokunikwa ilungelo lommi kwiminyaka emibini emva kokuba enikwe imvume yomhlali osisigxina ngexesha atshatela kummi waseMzantsi Afrika. Umntwana ongaphantsi kweminyaka engama-21 onemvume yokuhlala esisigxina unelungelo lokunikwa ubumi kwangoko emva kokunikwa imvume.
UmMi woMzantsi Afrika ngokubhaliswa
Iimfuno neenkqubo zokubhalisela ubumi boMzantsi Afrika
Ukucela isicelo sobumi boMzantsi Afrika ngokunikelwa njengelifa oku kulandelayo kufuneka kufakiwe:
Ifomu B1-24 nefomu B1-529 ezigcwaliswe ngumenzi-sicelo.
Ifomu B1-529 egcwaliswe ngumzali ongummi woMzantsi Afrika.
Isatifikethi sokuzalwa somemzi-sicelo welinye ilizwe.
Isatifikethi somtshato somzali nesomenzi-sicelo ( ukuba kuyimfuneko)
Ukuba umenzi-sicelo wazelwa ngaphandle komtshato kufuneka bobabini abazali batyikitye ifomu yobhaliso uB1-24.
Isiqinisekiso ukuba umzali woMzantsi Afrika ufumene ubumi bamanye amazwe
Isiqinisekiso sokuzalwa somzali waseMzantsi Afrika.
Ukucela isicelo sobumi boMzantsi Afrika ngokunikwa ilungelo lobumi oku kulandelayo kufuneka kufakiwe:
Ifomu B1-63 nefomu B1-757 ezigcwaliswe ngumenzi-sicelo.
Isiqinisekiso somhlali esisigxina.
ISAP ( 91) eneqela elipheleleyo leminwe - ukufumana ingxelo yamapolisa.
Umzali onemfanelo okanye umgcini osemthethweni kufuneka atyikitye iifomu zesicelo ukuba umntu ofuna ukunikwa ilungelo lobumi ungumntwana ongaphantsi kweminyaka eli-16.
Ifomu engu-B1-9 eneqela elipheleleyo leminwe kunye neefoto ezimbini ezilingane nobukhulu beze-ID ( 45mm ubude x 36mm ububanzi) kufuneka ingenisiwe kubantwana abangphezulu kweminyaka eli-15. Oku kwenzelwa ukufumana isazisi emva kokuba ukunikwa ilungelo lobumi kuvunyiwe.
Oku kwenzeka xa ummi woMzantsi Afrika:
efumana ubumi belinye ilizwe ngokuzithandela kwaye ngokomthetho osesikweni, ngaphandle komtshato okanye esebenzela umkhosini welinye ilizwe, apho akwangummi xa likwimfazwe noMzantsi Afrika.
Nangona kunjalo oku akusebenzi ukuba umntu wenze isicelo kuMphathiswa sokugcina ubumi bakhe boMzantsi Afrika phambi kokufumana ubumi belinye ilizwe kunye/okanye ukusebenzela umkhosi welinye ilizwe.
Ukufumanisa ukuba umntu ulahlekelwe bubumi boMzantsi Afrika ifomi engu-B1-529 kufuneka igcwaliswe ize ingeniswe nakweyiphi I-ofisi yeSebe elizweni okanye ngaphandle kwelizwe.
Ukuhluthwa ubumi
Ummi woMzantsi Afrika ngokunikwa ilungelo lobumi bungahluthwa ukuba ummi:
Isiqinisekiso/isatifiketi ngokunikwa ilungelo lobumi sifunyenwe ngobuqhinga okanye unike ulwazi olungeyonyaniso ngaye.
Ungumi welinye ilizwe kwaye ukhe wabanjwa wavalelwa iinyanga ezili-12 nakweliphi ilizwe ngetyala ebeliya kuba lityala naseMzantsi Afrika.
Kuzo zombini ezi meko akukho sicelo sibandakanyekayo. Loo mntu ubandakanyekayo ufumana ileta ( audi alteram). Kuloo leta kukho icandelo apho anganika izizathu ecacise ukuba kungani engenakwahluthwa ubumi. Oku kuya kucingwa phambi kokuba kuthathwe isigqibo sokugqibela.
Ukufumana ubumi okanye ubuzwe belinye ilizwe
Umntu onqwenela ukufumana ngokusesikweni ubumi belinye ilizwe kufuneka enze isicelo kuMphathiswa kwezeMicimbi yaseKhaya sokugcina ubumi bakhe boMzantsi Afrika phambi kokufumana ubumi belinye ilizwe.
Iimfuneko zezi:
Ifomu B1-1664 nefomu B1-529 ezigcwalisiweyo ngemali emiselweyo eli-R110.
Izicelo zinokungeniswa kuyo nakweyiphi I-ofisi yeSebe ngaphakathi okanye ngaphandle kwelizwe.
Phambi kokuba uMthetho wobuMi boMzantsi Afrika olungisiweyo ( uMthetho we-17 wama-2004) usebenze, ummi woMzantsi Afrika osebenzisa incwadana yokundwendwela kwelinye ilizwe ingaba kohluthiwe ubumi bakhe nguMphathiswa wezeMicimbi yaseKhaya. Imfuneko yokhululo okanye iileta zokuvunyelwa kuMphathiswa ukuze ubani asebenzise incwadana yokundwendwela yamanye amazwe engasekhoyo.
Ngokuphathelele kuMthetho wesiLungiso sobuMi boMzantsi Afrika wama-2004 oqale ukusebenza ngomhla we-15 kuSeptemba ngowama-2004 lityala ngoku kummi woMzantsi Afrika ongaphezulu kweminyaka engama-21 ukungena okanye ukushiya uMzantsi Afrika xa esebenzisa incwadana yokundwendwela yelinye ilizwe. Kwaye ikwalityala kulo mmi xa eseMzantsi Afrika esebenzisa ubumi welinye ilizwe okanye ubuzwe kuba efuna uncedo okanye ephepha imfanelo okanye umsebenzi.
Uphindo lobumi boMzantsi Afrika
Nawuphi obesaya kuba ngummi ngokuzalwa okanye ngokunikelwa njengelifa:
i oncama ubuMi boMzantsi Afrika ii okanye ophelisa ngokuzenzekeklayo ubuMi boMzantsi Afrika;
angenza isicelo sokubuyiselwa ubumi bakhe boMzantsi Afrika. Kunjalo lo mntu kufuneka abuyele eMzantsi Afrika umphelo.
okubhaliweyo ngumenzi-sicelo ukuba uhlala isigxina eMzantsi Afrika, ikopi yedompasi/isazisi ikopi yesatifikhethi somtshato ukuba utshatile imali emiselweyo eyi-R115.00 kunye ne-R12 yesazisi.
UMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa ( wama-51 we-1992) uchaza ukuba ukuzalwa komntwana kufuneka kuchazwe kwaye kubhalisa kwiintsuku ezingama-30 umntwana ezelwe. Oku kuya kunceda ezeMicimbi yaseKhaya ekuhlaziyeni iincwadi zayo nokubanceda ukuba bayile uBhaliso lwabaNtu oluthembekileyo nolichanekileyo elizweni. Kuya kunceda kwakho iSebe lezeMicimbi yaseKhaya ekukhawulezeni ekunikezeleni ezinye iinkonzo enokuba nazo xa umntwana ekhulile ( umzekelo: isiqinisekiso/isatifiketi sokuzalwa, isazisi, isiqinisekiso/isatifiketi sokufa njlo njalo). Ukubhalisela ukuzalwa ubani kufuneka agcwalise ifomu B1-24 ( ISaziso sokuZalwa) ize le fomu ingeniswe kwiNkonzo yoMzantsi Afrika ekufutshane okanye ummeli-lizwe.
Ukuba umntwana akazalelwanga eMzantsi Afrika kwaye omnye wabazali ngummi woMzantsi Afrika ngexesha lokuzalwa ukuzalwa kungachazwa kummeli-lizwe loMzantsi Afrika okanye kwi-ofisi yesithile yeSebe lezeMicimbi yaseKhaya eMzantsi Afrika.
Amaxwebhu ayimfuneko:/
Ifomu egcwalisiweyo B1-529 ( Iphepha lemibuzo lobuMi)
Ikopi yesatifikhethi somntwana sokuzalwa samanye amazwe esinenkcukacha ezipheleleyo zabazali bomntwana.
Kwimeko apho umntwana eneminyaka eli-15 nangaphezulu ifomu B1-9 yesicelo sesazisi kufuneka igcwalisiwe.
Iimfuneko kubhaliso lokuzalwa
Kubalulekile ukuba umzali omnye okanye umgcini osemthethweni akuchaze ukuzalwa.ukuba abazali okanye umgcini akanakho ukukwenza poku umntu ocelwe ngabazali okanye umgcini angakwenza oku egameni labo. Lo mntu kufuneka abe nemvume ebhalwe ngabo.
Umntwana ozelwe emtshatweni angabhaliswa ngefani katata okanye kamama wakhe okanye kwiifani zombini kamama nekatata ukuba abazali bobabini bayavumelana.
Umntwana ozelwe ngaphandle komtshato angabhaliswa ngefani kamama wakhe. Umntwana angabhaliswa nangefani katata wakhe ukuba utata lowo uyavuma ukuba ungutata womntwana. Bobabini umama notata kufuneka bavume ukubhalisa umntwana ngefani katata phambi komsebenzi wezeMicimbi yaseKhaya.
Iindlela ezahlukeneyo zokwazisa ukuZalwa
Ukuzalwa okuchazwe kwiintsuku ezingama-30 emva kokuzalwa
Nangona uMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa ( wama-51 we-1992) ufuna ukuba ukuzalwa kosana kubhaliswe kwiintsuku ezingama-30 emva kokuzalwa iimeko ezithile zingenza oku kungenzeki. Izaziso zokuzalwa emva kweentsuku ezingama-30 zibizwa ngokuba ubhaliso emva kwexesha. Ifomu efunekayo kule meko siSaziso zokuZalwa ( B1-24) etyikitywe ngumzali omnye okanye umgcini. Iindidi ezintathu zobhaliso emva kwexesha zahlulwe zazezi:
i Ukuzalwa okuchazwe emva kweentsuku ezingama-30, kodwa phambi konyaka omnye, ii Ukuzalwa okuchazwe emva konyaka omnye, kodwa phambi kweminyaka eli-15
iii Ukuzalwa okuchazwe emva kweminyaka.
Ukuzalwa okuchazwe emva kweentsuku ezingama-30, kodwa phambi konyaka omnye
Kule meko abazali okanye umgcini kufuneka agcwalise ifomu B1-24. Umzali okanye umgcini kufuneka anike izizathu ezichaza ukuba kungani kungazange kwabhaliswa kwiintsuku ezingama-30 njengoko kufunwa ngumthetho.
Ukuba abazali abatshatanga kwaye banqwenela ukubhalisa umntwana ngefani katata wakhe kufuneka utata avume ukuba ungumzali kwisithuba esinikwe kwifomu B1-24. Utata ngoko kufuneka ekho xa kubhaliswa.
Ukuba abazali batshatile umntwana uya kubhaliswa ngefani katata wakhe.
Ixabiso: Akukho mali ikhutshwayo.
Ukuzalwa okuchazwe emva konyaka omnye, kodwa phambi kweminyaka eli-15
Abazali okanye umgcini kufuneka bagcwalise ifomu B1-24/1. Kufuneka kwakho banike izizathu zokungabhalisi kwiintsuku ezingama-30 njengoko kufunwa ngumthetho. Amaxwebhu achazwe kumhlathi 3.3 kufuneka angeniswe ngaxesha linye.
Ixabiso: Akukho mali ikhutshwayo.
Ukuzalwa okuchazwe emva kweminyaka.
Xa kubhaliswa kufuneka bagcwalise ifomu B1-24/15. Oku kukhatshwa yifomu B1-9 ( isicelo sesazisi) kunye namaxwebhu afunekayo achazwe kumhlathi 3.3. Umzali okanye umgcini kufuneka anike izizathu ezichaza ukuba kungani kungazange kwabhaliswa kwiintsuku ezingama-30 njengoko kufunwa ngumthetho.
Ixabiso: Akukho mali ikhutshwayo.
Amaxwebhu afunekayo xa ubhalisa ukuzalwa emva konyaka
La maxwebhu alandelayo ayafuneka kubhaliso lokuzalwa komntwana kunyaka omnye wokuzalwa kwakhe:
B1-288 - ofungelweyo
Ikopi engqinelweyo yesazisi sikamama ukuba abazali abatshatanga kwaye utata omkhanyele umntwana. Okanye ukuba utata womntwana uvumile iikopi ezingqinelweyo zezazisi zabo bobabini abazali ziyafuneka. Ukuba umama womntwana utshatile iikopi ezingqinelweyo zabo bobabini kunye nesatifiketi zomtshato siyafuneka okanye
Isatifiketi sesibhedlele okanye apho umntwana azalelwe khona. Isatifiketi kufuneka sityikitywe ngumntu owongameleyo ( umongameli okanye umphathikazi ) kwaye kufuneka siqulathe igama leziko kunye nomhla wesitampu okanye
Isiqinisekiso seenkcukacha zomntwana njengoko ziqulathiwe kwirejista yesikolo okanye isatifiketi sesikolo sokuqala aye kuso umntwana esityitywe yinqununu. Isiqinisekiso kufuneka sinenombolo yenqununu kwintloko eshicilelweyo yencwadi equlathe umhla wesikolo osemthethweni okanye
Isatifiketi sokubhabhatizwa komntwana , ukuba sikhutshwe kwiminyaka emi-5 umntwana ezelwe okanye
Ukuba abazali abakho, ingxelo efungelweyo sisalamane esisondeleyokubudala beminyaka eli-10 ubuncinane esaziyo ngeenkcukacha zokuzalwa komntwana kwaye ongaqinisekisa ubuntwana kunye newonga lomntwana, okanye
Kwimeko yokulahlwa kwabantwana unontlalo-ntle anganika ingxelo, okanye
Ikhadi lekliniki okanye ingxelo yesikolo okanye naliphi ixwebhu elifanelekileyo elinganceda ekunikeni ubuntwana newonga lomntwana, okanye
Ingxelo kumntu onolwazi ngomenzi-sicelo kwaye onokungqinela ubuzali. Lo mntu kwakufuneka kwakho ekhaphe umenzi-sicelo ukuya kwi-ofisi yezeMicimbi yaseKhaya apho umenzi-sicelo kunye nomntu lowo baya kuba nodliwano-ndlebe olwahlukeneyo.
Ukwaziswa kokuzalwa komntwana olahliweyo okanye inkedama
Xa kubhaliswa umntwana onabazali kunye/okanye izalamane ezingenakufumaneka ifomu yesaziso sokuzalwa ( B1-24) kufuneka igcwaliswe. Ingxelo evela kunontlalo-ntle iyafuneka njengoko iinkcukacha ezivela kubazali zingekho. Ngexesha lokubhaliswa kokuzalwa okuthetha usuku olunye, kule meko ukuzalwa kuchazwa kwiintsuku ezingama-30 ezimiselweyo isatifiketi esifinyeziweyo sinikwa ngaphandle kokubhatala imali.
Qaphela ubhaliso lwasemva kwexesha lungathatha ixesha elide kuba kuxhomekeke kuphando olufunekayo lokuzinzisa ubunguwe bobuntwana kunye newonga lomntwana. Ukuphepha oku kulibaziseka ukuzalwa komntwana kufuneka kubhaliswe kwiintsuku ezingama-30 .
Ixabiso: Akukho mali ikhutshwayo.
Njengenxalenye yokuzibophelela ekuphuculeni umgangatho wabemi bonke, iSebe lezeMicimbi yaseKhaya lenze uQuquzelo loBhaliso eMnxebeni lomNtwana. Oku kuqinisekisa ukuba iSebe lezeMicimbi yaseKhaya inakho ukubhalisa kwaye ikhuphe izatifiketi zokuzalwa ezifinyeziweyo kwizibhedlele ezithabatha inxaxheba kwangoko emva kokuzalwa kosana. Lo msebenzi uya kwenziwa kwizibhedlele ezininzi kangangoko.
Kutheni kubalulekile ukwenza isicelo sesazisi (ID)?
Isazisi luxwebhu elingqinela ubunguwe. Ngamanye amazwi ibonisa ukuba ungulowo uzixela ukuba unguye. Kuneemeko ezininzi apho kuya kufuneka usebenzise I-ID yakho. Uya kusebenzisa I-ID ukufikelela kwizindlu, kwimfundo, kwiinkonzo zempilo, ukwenza iphepha-mvume lokuqhuba, ukufikelela kumathuba omsebenzi, ukubhalisela iimviwo, ukungena kwiimvumelwano zoshishino okanye ulwahlulelwano okanye nokubhalisela imali ye-Inshorensi yokungaPhangeli. Izazisi zikwasetyenziswa kuvoto lwesizwe, lwamaphondo nolwasekhaya.
Ngubani onelungelo lokwenza isicelo sesazisi?
Izazisi zikhutshwa ngokwesiGaba sama- 25 soMthetho wokuChonga we-1997. Lo mthetho uchaza ukuba umi waseMzantsi Afrika, umhlali osisigxina unemvume kwaye uneminyaka eli-16 okanye ngaphezulu unelungelo lokwenza isicelo sesazisi.
Nabanina osebenzela urhulumente okanye amaziko amiswe ngokomthetho angekho eMzantsi Afrika okanye othunywe ukuba asebenzela urhulumente kwelinye ilizwe naye unelungelo lokufumana isazisi. Oku kwandela nakumlingane womntu kunye/okanye nabantwana.
Ulwazi olufunekayo xa usenza isiceli sesazisi
Ukuze ufumane isazisi kufuneka
Ikopi engqinelweyo yesatifiketi sokuzalwa okanye inombolo yedompasi okanye
Iminwe iya kuthathelwa ukurekhodishwa kwiRegista yabaNtu kwifomu yesicelo B1-9. Oku kungenziwa kuphela ligosa leSebe lezeMicimbi yaseKhaya kwi-ofisi yesithili okanye yengingqi okanye kwiNkonzo yamanye amazwe oMzantsi Afrika phesheya.
Ukuba utshatile, kufuneka kungeniswe nesatifiketi sokutshata.
Ukuba umfazi usebenzisa isazisi kwaye uqalisa ukusebenzisa nayiphi ifani ebesaziwa ngayo ixwebhu elisisiqinisekiso umzekelo isatifiketi sokuzalwa okanye sokutshata kufuneka singenisiwe ukuqinisekisa ukuba unelungelo kulo fani.
Kwimeko yokuphinda kukhutshwe, I-ID ikhutshelwa kwakho kubantu izazisi zabo ezilahlekileyo, ezibiweyo nezimoshakeleyo.
Ukuba kuqhawulo lomtshato kufuneka kungeniswe isatifiketi soqhawulo mtshato
Ubuhlolo/ubuhlolokazi, isatifiketi sokufa somlingane wakho siyafuneka
Kwimeko yomi ngokunikwa ilungelo lobumi okanye umhlali osisigxina isatifiketi sokunikwa ilungelo lobumi okanye isatifikethi sokuhlala isigxina okanye isatifiketi sokukhululwa kufuneka sinamatheliswe.
Kwimeko yokubhaliswa kukozalwa emva kwexesha jonga kumhlathi wesi-3.2.4 ongentla.
Amaxabiso okwenza isicelo sesazisi
Isicelo sokuqala asibizi mali. Abenzi-zicelo kufunwa ukuba beze neefoto ezimbini ezibukhulu bazo bulingane neze-ID. Imali engange-R13 iyabhatalwa ekukhutshweni kwakho kwesazisi.
Kuphi apho kunokwenziwa izicelo zezazisi?
Yiya kwi-ofisi yakho ekufutshane yeSebe lezeMicimbi yaseKhaya. Iinkcukacha zee-ofisi zezithili zinikwe kumaphepha angasemva kule ncwadana. Abenzi-zicele bmanye amazwe bangenza izicelo zezazisi kubameli-lizwe boMzantsi Afrika okanye kumkomishinala omkhulu phesheya.
Ukuqokelela isazisi
Emva kokukhutshwa kwesazisi, sithunyelwa kwi-ofisi yezeMicimbi yaseKhaya apho umenzi-sicelo ebengenise khona isicelo sakhe. Isazisi siya kuthunyelwa kuphela kudilesi yokuposela yomenzi-sicelo ukuba umenzi-sicelo ukucelile oku waze wanika idilesi yokuposela enyanisekileyo.
Ukulungiswa kweziphoso kwisazisi
ISebe leseMicimbi yaseKhaya ilunga izicelo zezazisi eziphakathi kwesigidi esinye nezithathu ngonyaka. Eli nani likhulu lezicelo lidibanisa neengxaki ezilambathayo zokugwaliswa kweefomu zezicelo ezikhokelela kwiziphoso ezivela kwizazisi. Nangona kunjalo ezi ziphoso kwizazisi zilungiswa ngaphandle kwentlawulo. Iifomu B1-9 noB1-309 kunye nesiqinisekiso solwazi oluchanekileyo kunye neefoto ezimbini ezifanayo ezibukhulu bazo bulingana neze-ID kufuneka zingeniswe nakweyiphi i-ofisi yezeMicimbi yaseKhaya.
Yintoni incwadana yokundwendwela?
Incwadana yokundwendwela luxwebhu elifunekayo ukuze uhambe uye kwamanye amazwe. Abemi basemzantsi Afrika abacinga ukuhambela amazwe angaphandle koMzantsi Afrika kufuneka benze izicelo zeencwadana zokundwendwela kwangexesha. Kukho iintlobo ezahlukeneyo zeencwadana zokundwendwela zoMzantsi Afrika, ezifana:
i Incwadana yokundwendwela yabadala ii Incwadana yokundwendwela yabantwana iii Incwadana yokundwendwela eyandisiweyo iv Incwadana yokundwendwela yethutyana v Incwadana yokundwendwela yexesha likaxakeka vi Incwadana yokundwendwela yaseburhulumenteni
Incwadana yokundwendwela eqhelekileyo inamaphepha angama-32 ize incwadana yokundwendwela eyandisiweyo ibe namaphepha angama-64. Zonke ezi ntlobo zahlukeneyo zichazwe ngokupheleleyo ekuhambeni kweli xwebhu.
Zonke izicelo zazo zonke iintlobo ezahlukeneyo zeencwadana zokundwendwela kufuneka zigcwaliswe kwifomu yesicelo u-B1-73 kwaye kufuneka uzise ngokwakho kwi-ofisi yezeMicimbi yaseKhaya okanye kumeli-lizwe woMzantsi Afrika, ukuba umenzi-sicelo uphesheya. Umenzi-sicelo kufuneka anelise igosa lencwadana yokundwendwela ngobunguye. Iifoto ziya kukhangelwa ukuqinisekisa ukuba zingumfanekiso wakho onyanisekileyo. Abenzi-zicelo abaneminyaka eli-16 nangaphezulu kuya kuthatha iminwe yabo ukuze ziqinisekiswe neRejista yabaNtu.
Ngubani onelungelo lokucela incwadana yokundwendwela?
Ngabemi boMzantsi Afrika kuphela abanelungelo lencwadana yokundwendwela yaseMzantsi Afrika. Kwiimeko zabantu abanedompasi eluhlaza kunye needompasi ezindala ezakhutshwa phambi komhla woku-1 kaJulayi ngowe-1986 abenzisicelo klufuneka kuqala benze izicelo zezazisi ezinemigca. Abenzi-sicelo okokuqala bangathanda ukwenza I-ID neencwadi zokundwendwela ngaxesha-nye. Izicelo zazo zombini zingenziwa ngaxesha-nye ukuba ubani akanakulinda kude kukhutshwe isazisi.
Ulwazi olufunekayo xa usenza isicelo sencwadana yokundwendwela.
Incwadana yokundwendwela yabadala ( okanye incwadana yokundwendwela yabakhenkethi)
Le ncwadana yokundwendwela ikhutshelwa abemi boMzantsi Afrika abaneminyaka eli-16 nangaphezulu. Ukwenza isicelo sencwadana yokundwendwela yabadala yoMzantsi Afrika kuya kufuneka ugcwalise ifomu B1-73 kwaye ungenise neefoto ezimbini zakutsha-nje ezibubukhulu bulingana nobencwadana yokundwendwela. ukuba iminwe yakho ayikarekhodishwa kwiRejista yabaNtu iqerla elipheleleyo lweminwe way kuba kwifomu B1-9 iya kuthathwa ngokugunyaziswa ligosa lezeMicimbi yaseKhaya. Kuya kulindelwa kwakho ukuba ungenise ikopi yesazisi yakho yaseMzantsi Afrika engqinelweyo okanye isatifiketi zokuzalwa.
Ixesha lokulungisa: Iiveki ezintandathu.
Abenzi-zicelo bangakhetha ukuya kuzithatha ngokwabo iincwadana zokundwendwela kwi-ofisi apho bebenze khona izicelo okanye bazifumane iincwadana zokundwendwela ngerijista. Ukuba bakhetha ukuba ziposwe kufuneka bebhatele imali yokuposa ngerejista engama-R21.
Amaxabiso: R145
Le ncwadana yokundwendwela yeyeminyaka eli-10.
Incwadana yokundwendwela yabantwana
Incwadana yokundwendwela yabantwana ikhutshelwa abemi boMzantsi Afrika abangaphantsi kweminyaka eli-16. Xa usenza isicelo sencwadana yokundwendwela yabantwana kufuneka ugcwalise ifomu B1-73.
Isicelo kufuneka sikhatshwe sisatifiketi sokuzalwa, imvume yabazali ukuba ngaba batshatile kunye neefoto ezimbini zakutsha-nje ezibubukhulu obulingana nezencwadana yokundwendwela. Ukuba uzalwe ngaphandle komtshato yimvume kamama wakho okuzeleyo kuphela efunekayo ukuba kukhutshwe incwadana yokundwendwela.
Ixesha lokulungisa: Iiveki ezintandathu
Ingaya kuthathwa kwindawo ebekwenziwe kuyo isicelo okanye ithunyelwe ngerejista.
Amaxabiso: R110
Le ncwadana yokundwendwela yeyeminyaka emi-5
Incwadana yokundwendwela eyandisiweyo
Incwadana yokundwendwela eyandisiweyo ingamaphepha angama-64. Yazalisekiswa ngomhla wesi-2 kuDisemba ngowama-2002 ukunika abahambi njalo ixwebhu lokuhamba elinamaphepha angaphezulu kunama-32 encwadana yokundwendwela yabakhenkethi. Le ncwadana yokundwendwela iyafana nencwadana yokundwendwela yabakhenkethi ngaphandle nje kokuba iqulathe inani lamaphepha eliphindiweyo ukunika amaphepha athe kratya emvume yokungena kwelinye ilizwe. Imali emiselweyo iphinda-phinda leyo yencwadana yokundwendwela yabakhenkethi eqhelekileyo.
Ixesha lokulungisa: Iiveki ezintandathu
Amaxabiso: R290
Le ncwadana yokundwendwela yeminyaka eli-10.
Incwadana yokundwendwela yethutyana
Incwadana yokundwendwela yethutyana ikhutshelwa bemi boMzantsi Afrika ekufuneka bahambe ngokungxamisekileyo ngenxa yezizathu ezinyanisekileyo kwaye abanakulindela iincwadana zabo zokundwendwele ezifanelekileyo ukuba zikhutshwe. Incwadana yokundwendwela yethutyana ikhutshwa kuphela kwimeko apho incwadana yokundwendwela esisigxina sekwenziwe isicelo sayo. Ukwenza isicelo sencwadana yokundwendwela kulindelwe ukuba abenzi-zicelo bagcwalise ifomu B1-73.
incwadana yokundwendwela yexesha likaxakeka
Incwadana yokundwendwela yexesha likaxakeka ikhutshelwa:
abantu abanenjongo yokuhambela ngokungxamisekileyo amazwe angabamelwane angafuni mvume yokungena kumazwe lawo okanye ukubuyela ngexesha likaxakeka eMzantsi Afrika.
Ukwenza isicelo sencwadana yokundwendwela ngexesha likaxakeka kugcwaliswa ifomu B1-73 ngokupheleleyo. Ukongeza kufuneka kungeniswe ileta yokucacisa ukuba kungani ufuna incwadana yokundwendwela yexesha likaxakeka kunye nesazisi zoMzantsi Afrika okanye isatifiketi sokuzalwa. Ukuba incwadana yiokundwendwela yokuqala yoMzantsi Afrika ibiwe okanye ilahlekile ingxelo yamapolisa iyafuneka ukuze isicelo zilungiswe.
Ixesha lokulungisa: Iintsuku ezi-5
Le ncwadana yokundwendwela yeyenyanga ezili-9 kodwa ukuya kwelo lizwe libandakanyiweyo kanye nokubuyela eMzantsi Afrika
Amaxabiso: R50.
Incwadana yokundwendwela yaseburhulumenteni ikhutshelwa amagosa akumaziko karhulumente ahambela izinto zasemthethweni. Zonke izicelo kufuneka zigcwaliswe kwifomu B1-73 kwaye uzise ngokwakho kwi-Ofisi yezeMicimbi yaseKhaya okanye kummeli-lizwe woMzantsi Afrika, ukuba uphesheya.isicelo kufuneka sikhatshwe yileta evela kwiziko apho umenzi-sicelo asebenza khona kunye nezisathu ezibangela ukuba umenzi-sicelo afune incwadana yokundwendwela yaseburhulumenteni.
Ixesha lokulungisa: Iveki enye ukuya kwezintandathu kuxhomekeka kukungxamiseka kohambo.
Amaxabiso: Akukho ntlawulo ukhutshwayo.
Ukubuyisela incwadana yokundwendwela yoMzantsi Afrika elahlekileyo/ebiweyo
Ukuba incwadana yokundwendwela yoMzantsi Afrika ilahlekile okanye ibiwe indleko yokuyibuyisela iphinda leyo wawuyibhatele kuqala. Isicelo kufuneka sikhatshwe zifoto ezimbini zakutsha-nje ezibubukhulu obulingana nobencwadana yokundwendwela.
Amaxabiso: R290- Umntu omdala
R580- Eyandisiweyo
Qaphela: phinda inani kabini lolo xwebhu lilahlekileyo.
Ixesha lokulungisa: Iveki enye ukuya kwezintandathu kuxhomekeka kukungxamiseka kohambo. Kuhambo lwexesha likaxakeka kufuneka kwenziwe isicelo sencwadana yokundwendwela yethutyana yexesha likaxakeka ide enye incwadana yokundwendwela ibekhona.
Ukuphelelwa okanye ukugcwala kweencwadana zokundwendwela
Ukuphelelwa kwencwadana yokundwendwela kusekubeni ukusebenza kwayo kwexesha ebelimiselwe kuphelile. Xa oku kuthe kwenzeka awunakuphinde uyisebenzise nokokuba incwadana yokundwendwela ayiphelanga.endaweni yoko kufuneka wenze isicelo senye incwadana yokundwendwela. Ukuba incwadana yokundwendwela igcwele phambi kokuba kuphele ixesha ebelimiselwe kufuneka wenze isicelo senye entsha.
Amaxabiso:
Oku kuxhomekeke kuhlobo lwencwadana yokundwendwela oyenzela isicelo. Jonga le theyibhuli elandelayo:
Isishwankathelo samaxabiso okwenza isicelo seencwadana zokundwendwela
Incwadana yokundwendwela yabadala R145. 00
Incwadana yokundwendwela yabantwana R110.00
Ixwebhu lokuhamba R70.00
Incwadana yokundwendwela yexesha likaxakeka R50.00
Incwadana yokundwendwela yethutyana R290.00
Incwadana yokundwendwela eyandisiweyo R290.00
Eyandisiweyo ( Ukulahleka) R580.00
Yomntu omdala ( Ukulahleka) R290.00
ISebe liyaqonda ukuba kukho izizathu ezinezihlahla zokuba umntu afune ukwenza iinguquko izilungiso kumaxwebhu akhe kwirekhodi lakhe. Kukho iintlobo ezahlukeneyo zezilungiso kubemi boMzantsi Afrika abangazenza kumaxwebhu abo. Iintlobo ezahlukeneyo zezilungiso ezenzeka ekubhalisweni kokuzalwa komntu zidweliswe apha ngezantsi:
Qaphela: Ummi woMzantsi Afrika uneminyaka eli-18 nangaphezulu ucingelwa njengezilungiso ezikhulu zonke ezenziwayo ngokuphathelele kuMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa, we-1992.
Isilungiso sokubhaliswa kokuzalwa komntwana ozelwe kungatshatwanga ( Uphindo lobhaliso)
IsiGaba 11 soMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa sivumela ubhaliso lokuzalwa komntwana ozelwe kungatsatwanga ukuba silungiswe. Oku kwenzeka ukuba abazali bomntwana lowo bayatshatana emva kokubhaliswa kokuzalwa komntwana, njengokuba babetshatene ngexesha lokuzalwa komntwana.
Amaxabiso: Akukho ntlawulo ikhutshwayo ngale nkonzo.
Ulwazi olufunekayo kwisilungiso
Ubhaliso lokuzalwa lwenza kwakho ulungiselelo lokuphinda kubhaliselwe ukuzalwa komntwana ukuba abazali bamanyana ngokwesiko ( Ukulobolana) emva kokuba umntwana ebhalisiwe. Amaxwebhu afunekayo ekulungisweni ngala: isaziso esitsha zokuzalwa, isatifikethi esifungelweyo sobuzali bomntwana nesatifiketi zomtshato.
Kwimeko yokufa komnye umzali okanye bobabini ilungu losapho lwabaswelekileyo kufuneka efake isa/izatifikethi sokusweleka kunye nengxelo efungelweyo.
Ukuvuma ubuyise
UMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa uvumela ukuvuma ubuyise ngutata womntwana ongatshatanga nomama womntwana ozelwe kungatshatwangakwaye ukuzalwa kwakhe sele kubhalisiwe ngaphandle kweenkcukacha zikayise.
Ukuba umama uyakuvuma ukuvuma, yena kunye noyise womntwana kufuneka bagcwalise ifomu entsha (B1-1682). Apho ifani yomntwana nayo kufuneka itshintshwe loo tata kufuneka agcwalise enye ifomu (B1-193). Ukuba umama akavumi utata kufuneka aye enkundleni ephakamileyo ekhupha umyalelo kunye neemfuneko zokuvuma kukamama. Inkcazo/isibhengezo kufuneka ifakwe kwifomu (B1-1682) egcwalisiweyo.
Amaxabiso: Imali emiselweyo kule nkonzo ngama-R48.00
Ulwandiso lobhaliso lokuzalwa
Ukuba amagama omntu awabhaliswanga onke kwisatifiketi sokuzalwa umntu angacela ukuba igama lakhe lokuqala okanye ifani ibandakanywe kwisatifiketi. Oku kubizwa ngokuba lulwandiso lobhaliso. UMthetho uyamvumela oku ukuba loo mntu ebebhalisiwe phambi kokuba umthetho usebenze. Umzekelo, isiGaba sama-23 soMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa, we-1992 sibhekiselela ikakhulu kubangeneleli abangamaNdiya ekwakungafuneki babhalise igama lokuqala kunye nefani ngokusemthethweni phambi kowe-1966. Ngenxa yesi sizathu ubhaliso lokuzalwa kwabo luqulethe amagama okuqala kuphela.
Amaxwebhu afunekayo:
Abenzi-zicelo kufuneka bangenise:
i ifomu yesicelo B1-795
ii ikopi yesatifiketi somtshato ukuba sikho
Amaxabiso: Akukho ntlawulo ikhutshwayo kule nkonzo.
Ukulungiswa kwamagama
Umthetho uvumela ubani ukuba atshintshe igama abhaliswe ngalo ekuzalweni. Ukuze oku kube nokwenzeka abenzi-zicelo kufuneka bangenise:
i ifomu yesicelo B1-85 okanye isicelo esibhaliweyo ii kunye nesiqinisekiso sokubhatala semali efuniweyo
Amaxabiso: I-R48.00 kumenzi-sicelo ongaphantsi kweminyaka eli-18
R75 kumenzi-sicelo ongaphezulu kweminyaka eli-18
Ukulungiswa kwefani yomntwana
Umntwana ongaphantsi kweminyaka eli-18 angayitshintsha ifani yakhe ukuba:
i Umntwana wazalwa ngaphandle komtshato kwaye umama wakhe uphinde watshata notata wakhe. Kule meko la maxwebhu alandelayo ayafuneka:
Ifomu yokwenza isicelo -B1-193
Imvume kamama yokutshintsha
Ikopi yesatifiketi somtshato
Isiqinisekiso sentlawulo eyi-R48 efunwayo ii Umama womntwana ubuyela kwifani ebenayo ekuqaleni kobomi bakhe kuba utata womntwana eswelekile okanye uphinde watshata emva kokuba umtsato notata womntwana wakhe uphelile. Kule meko kufuneka la maxwebhu alandelayo:
Ifomu yesicelo - B1-193 egcwaliswe ngumama
Ikopi yesatifiketi somtshato omtsha, ukuba utshate ngokwasemthethweni
Ikopi yesigwebo sokuqhawula umtshato okanye
Ikopi yesatifiketi sokusweleka kukatata womntwana
Isiqinisekiso sentlawulo eyi-R48 efunwayo iii Umntwana wazalwa ngaphandle komtshato laze igama lakhe labhaliswa phantsi kwegama likatata wakhe. Ifani yomntwana ingatshintshelwa kuleyo kamama wakhe. Amaxwebhu afunekayo ngala:
Ifomu yesicelo- B1-193
Isiqinisekiso sentlawulo eyi-R48 efunwayo iv Umntwana ukhathalelwe ngumgcini ifani yakhe ingatshintshelwa kuleyo yomgcini. Amaxwebhu afunekayo ngala alandelayo:
Ifomu yesicelo- B1-193
Ukutshintshela kwenye ifani ( Umntu oneminyaka eli-18 okanye ngaphezulu)
UMthetho uvumela ubani amkele ifani eyahlukileyo kuleyo iqulathwe kwirejista yabantu okanye leyo ayifumene ekuhlaleni okusisigxina eMzantsi Afrika. Imali emiselweyo ngama-R238. La maxwebhu alandelayo ayafuneka:
ifomu yesicelo - (B1-196)
isiqinisekiso esinezizathu ezipheleleyo zokuba kungani ifani kufuneka ithathwe njengenyaniso ukuvuma komfazi kwifomu B1-196 ukuba kufanelekile ikopi yesatifiketi somtshato ukuba kufanelekilei ikopi yesatifiketi sokuzalwa esinenombolo yokungeniswa, ukuba ukuzalwa kwakubhalisiwe okanye inombolo yesazisi isiqinisekiso sentlawulo eyi-R238 efunwayo
Qaphela
Ukuba abantwana bangaphantsi kweminyaka eli-18 baza kuqukwa kwisicelo, iikopi zabo zezatifiketi zokuzalwa okanye iinombolo zokubhaliswa ziyafuneka kunye nemvume kamama ebhaliweyo.
Izilungiso jikelele
Isilungiso somhla wokuzalwa
ifomu yesicelo ( B1-526) okanye isicelo esibhaliweyo isiqinisekiso somhla wokuzalwa ochanekileyo umzekeloileta evela esibhedlele, isatifiketi sokuzala, ikhadi lekliniki, ileta okanye isikolo sokuqala ekuyiwe kuso, isatifiketi sokubhabhatizwa phambi kweminyaka emihlanu. Ukuba ngaba akukho xwebhu lesiqinisekiso sobudala bomntwana uqikelelo kufuneka lwenziwe ngugqurha okanye ummeli wesithili okanye wengqingqi oya kubhala isindululo ekufuneka sikhaphe isicelo isiqinisekiso sentlawulo eyi-R48 efunwayo.
Isilungiso inkcazo yesini
ifomu yesicelo ( B1-526) okanye isicelo esibhaliweyo ixwebhu lesiqinisekiso senkcazo yesini esichanekileyo isiqinisekiso sentlawulo eyi-R48 efunwayo.
Isilungiso sendawo yokuzalwa
ifomu yesicelo ( B1-526) okanye isicelo esibhaliweyo ixwebhu lesiqinisekiso sendawo yokuzalwa kunye isiqinisekiso sentlawulo eyi-R48 efunwayo
Isilungiso seenkcukacha zabazali kukwaziswa kokuzalwa
ifomu yesicelo ( B1-526) okanye isicelo esibhaliweyo ixwebhu lesiqinisekiso seenkcukacha zabazali esichanekileyo kunye isiqinisekiso sentlawulo eyi-R48 efunwayo.
Ukutshintsha inkcazo yesini
Nabanina othe wenza uhlinzo lokuguqula isini okanye unyango olwenza ukuba isini sakhe siguqulwe ungenza isicelo kuMongameli Jikelele weSebe lezeMicimbi yaseKhaya ukuba inkcazo yesini sakhe iguqulwe.
ifomu yesicelo ( B1-526) okanye isicelo esibhaliweyo ingxelo ngugqirha onike unyango okanye owenze inkqubo yohlinzo kumenzi-sicelo okanye ugqirha onamava kwiinkqubo ezinjalo okanye unyango.
ingxelo ngomnye ugqirha ohlole umceli ukumisela iimpawu zesini kunye isiqinisekiso sentlawulo eyi-R48 efunwayo.
Qaphela
Xa kuguqulwa isini somceli inombolo yesazisi iziguqukela ngokuzenzekelayo. Isicelo sesazisi esitsha kufuneka ngoko senziwa kwangoko xa ukuguqulwa kuvunyiwe.
Amaxabiso: R48
Qaphela:
Ukuba umntu obandakanyekayo uguqule negama lakhe kufuneka abhatale i-R75 ngaphezulu.
Ubhaliso olungeyonyaniso
Ukuba ukuzalwa komntwana kubaliswe ngabazali abangengobakhe kufuneka ingxelo efungelweyo okwenziwe ngabazali bakhe kwaye 'abazali abangabakhohlisi' kufuneka banike isizathu sobhaliso olungeyonyaniso. Ukuba ezi ngxewlo zilandelayo azikho kufuneka umyalelo wenkundla. Imali emiselweyo ngama-R48.
izicelo ezibhaliweyo zokulungisa iinkcukacha zabazali.
Isaziso esitsha sokuzalwa (B1-24) esineenkcukacha zabazali abachanekileyo
Ingxelo efungelweyo ngababandakanyekayo bonke okanye umyalelo wenkundla isiqinisekiso sentlawulo eyi-R48 efunwayo.
Ubhalo lokwamkelwa njengomntwana
Ukuba umntwana wamkelwa njengomntwana abazali abamamkelayo bangachazela uMongameli Jikelele (DG) wezeMicimbi yaseKhaya ngalo mba ngokusemthethweni. La maxwebhu alandelayo ayafuneka:
izicelo ezibhaliweyo ngabazali aqbamkelayo ikopi engqinelweyo yomyalelo wokwamkelwa njengomntwana isiqinisekiso sentlawulo eyi-R48 efunwayo.
Izicelo zokutshatiza kufuneka zingeniswe kwi-Ofisi yakho yezeMicimbi yaseKhaya ekufutshane ukuba wenza isicelo eMzantsi Afrika ize kummeli-lizwe woMzantsi Afrika ukuba isicelo senziwa phesheya. Ifomu efunekayo nguB1-130. Imali efunekayo ngama-R43.00 yesatifiketi esingafinyeziweyo kunye ne-R8.00 yesatifiketi esifinyeziweyo.
Ukutshatisa nokubhalisa imitshato yoluntu ilawulwa nguMthetho woMtshato ( uMthetho wama-25 we-1961).
Iimfuneko zokubhalisa umtshato wakho( Iimfuneko zokungena kumtshato osemthethweni nobophelelayo)
Ngubani onokubhalisa umtshato wakhe?
UMthetho uchaza ukuba umtshato unokwenziwa:
i ligosa elitshatisayo elonyuliweyokwinkolo ethile okanye umbutho okanye ii ngamagosa onyuliweyo liSebe lezeMicimbi yaseKhaya.
Ngubani onokutshatisa?
Imitshato ingenziwa kuphela ecaweni, kwisakhiwo esisetyenziselwa iinjongo zenkolo kuphela, kwi-ofisi yoluntu okanye kwindlu yabucala. Ukuba ubani uza kutshata wenzakele kakhulu okanye uyagula umtshato ungenzelwa esibhedlele.
Ngubani ekufuneka ekho emtshatweni?
Umtshato kufuneka wenziwe kukho abantu abatshatayo, amangqina amabini anobuchule kunye negosa elitshatisayo.
Amaxwebhu afunekayo xa ungena emtshatweni
Ngomhla womtshato abatshati kufuneka baze nala maxwebhu alandelayo kulowo uza kuqhuba ukutshatisa:
Izazisi ezikhutshwe ngokuphathelele kuMthetho wokuZazisa , 1998 okanye ukuba abanazo izazisi ingxelo efungelweyo egcwaliswe kwifomu B1-31. Abemi bamanye amazwe abatshatela kubemi boMzantsi Afrika kulindeleke ukuba bazise iincwadi zabo zokundwendwela ezinyanisekileyo kunye nefomu B1-31 ( Isiqinisekiso kwinjongo yokutshata)
Kwimeko yabantwana imvume ebhaliweyo yabazali bobabini okanye umgcini osemthethweni kufuneka angeniswe kwifomu emiselweyo B1-32. Ukuba imvume yomzali efuneka ngokwasemthethweni ayifumaneki okanye akanakukwazi ngokwasemthethweni ukunika imvume umntwana kufuneka enze isicelo kuMkomishina weNtlalo-ntle yabaNtwana ukufumana imvume efunekayo.ukuba abazali bomntwana kunye/okanye iNkundla ePhakamileyoabayiniki imvume yomtshato umntwana unokwenza isicelo kwiJaji yeNkundla ephakamileyo kwingingqi apho ahlala khona. Amakhwenkwe angaphantsi kweminyaka eli-18 namantombazana angaphantsi kweminyaka eli-15 kufuneka ukongeza kwimvume yabazali okanye umgcini osemthethweni imvume evela kuMphathiswa wezeMicimbi yaseKhaya.
NgokoMthetho woMtshato umntwana ngumntu xa engaphantsi kweminyaka engama-21 engazange atshate ngaphambili kwaye umtshato waphela ngenxa yokufa okanye ukuwuqhawula.
Ukuba kuqhawulwe umtshato kufunekwa kunikwe isigwebosokuqhawula umtshato. Ukuba kukho isizathu esinyanisekileyo sokuba kungani ungenakuvelisa isigwebo sokuqhawula umtshato okanye waqhawula umtshato kwelinye ilizwe kwaye awukwazi ukufumana isigwebo sokuqhawula umtshato ingxelo efungelqweyo iyafunywa kuloo mntu. Kufuneka ichaze ukuba uqhawule umtshato ngokusesikwenikwaye iquke igama lenkundla apho wanikwa imvume yokuqhawula umtshato kunye nomhla woqhawulo mtshato.
Ukuba ungumhlolo/mhlolokazi isatifiketi sokusweleka komlingane siyafuneka. Ukuba isatifiketi sokusweleka asikho umntu obandakanyekayo kufuneka angenise ingxelo efungelweyo ukuqinisekisa ukusweleka komlingane, echaza igama lalowo uswellekileyo kunye nomhla wokusweleka.
Ukutyikitya nokubhalisa umtshato
Emva kokuba kutshatisiwe abantu ababini abatshatayo, amangqina amabini nengosa elitshatisayo kufuneka betyikitye irejista yomtshato. Isatifiketi esibhalwe ngesandla singanikezelwa ngaphandle kokuhlawuliswa kwangoko kugqitywa kutshata. Igosa elitshatisayo liya kungenisa irejista yokutshata izokurekhodishwa kwiRejista yabaNtu beSizwe kwi-ofisi yengingqi yeSebe apho lihlala khona.
Ixesha lokulungisa: Isatifiketi esibhalwe ngesandla esifinyeziweyo sikhutshwa ngomhla womtshato, ngaphandle kwentlawulo. Isatifiketi esingafinyezwanga zithatha iitsuku ezingama-21 zokusebenza ukusilungisa.
Amaxabiso: Yonke imicimbi elandelayo nenxulumene nemibuzo ephathelele kwizatifiketi zokutshata zixhomekeke kukugcwaliswa kwefomu yesicelo uB1-130. Isicelo sixabisa:
Isatifiketi esipheleleyo ( esingafinyezwanga) sixabisa ama-R43.00
Isatifiketi esifinyeziweyo ( esifakwe ematshinini) sixabisa i-R8.00
Ubusazi?
ISebe lezeMicimbi yaseKhaya yacela iKomishini yoMthetho yoMzantsi Afrika ngowe-1996 ukuba yenze uphando olunzulu kwizxokelelwano zemitshato eyahlukeneyo eMzantsi Afrika. Njengesiphumo solu ngenelelo uMthetho woNakano lweMitshato yamaSiko ( uMthetho we-120 we-1998) waphunyezwa kwaye wasebenza ukuqala ngomhla we-15 kuNovemba wama-2000.
Ubusazi ukuba umtshato wamaSiko nawo unelungelo elifanayo nomtshato wasemthethweni ngokuphathelele kuMthetho wokwAzisa iMitshato yamaSiko? Umtshato wamasiko ubhaliswa ngumntu owonyuliweyo. Ingaba yinkosi yesizwe okanye igosa elibhalisayo.lo mntu wonyuliweyo kufuneka abhale isiqinisekiso sokuba ugunyazisiwe ukuba abhalise umtshato. Abatshati abatshata ngokwesiko kodwa umtshato wabo zange ubhaliswe kwaye ngoku bafuna ukuba ubhaliswe kufuneka benze isicelo kwi-ofisi yezeMicimbi yaseKhaya ekufutshane. Abatshati kufuneka bakhatshwe ngabameli ababini, ngokukhethayo omnye kwicala ngalinye losapho. Bonke abantu abatshate ngokwesiko bayakhuthazwa ukuba beze ngaphambili kwaye babhalise imitshato yabo neSebe lezeMicimbi yaseKhaya.
Isaziso sokuFa
Xa umntu eswelekile umthetho (uMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa we-1992) ufuna ukuba ukusweleka komntu kuxelwe kumntu ogunyaziwe ukuba amkele izaziso ezinjalo. Ngokwangoku aba bantu balandelayo bagunyazisiwe:
Amagosa athile okwiSebe lezeMicimbi yaseKhaya
Amalungu eSAPS, ingakumbi kwiingingqi apho kungekho ii-ofisi zeMicimbi yaseKhaya
Abangcwabi abanyuliweyo nabaziwayo ngokuphathelele kumthetho
Ukuba ummi womzantsi Afrika ngumhlali enemvume esisigxina uswelekela ngaphandle koMzantsi Afrika ukusweleka kwalo mntu kufuneka kuxelwe kuMmeli-lizwe woMzantsi Afrika okufutshane. Ikopi engqinelweyo yesatifiketi sokusweleka esikhutshwe lelinye ilizwe elibandakanyekayo kufuneka naso songeniswe.
Ukuba oswelekileyo uza kungcwatyelwa eMzantsi Afrika uMmeli-lizwe uya kuncedisa ngamalungiselelo ngokuphathelele kukuthunyelwa komzimba eMzantsi Afrika.
Isaziso sokusweleka sinikwa ngokugcwalisa ifomu B1-1663. Le fomu inamacandelo awohlukeneyoekufuneka agcwaliswe ngabantu abohlukeneyo ababandakanyekayo kwinkqubo yesaziso. Abantu ababandakanyekayongaba: umntu owazise ukufa, ugqirha oqinisekise ukufa, nomntu ogunyaziswe ukuba amkele isaziso sokufa njengoko kuchaziwe ngaphambili.
Ukuba akukho gqirha okhoyo umzekelo kwiindawo ezisemaphandleni inkosi iya kugcwalisa iNgxelo yokuFa ( ifomu B1-1680). INgxelo yokuFa ingacwaliswa kuphela ngumntu ogunyaziswe liSebe ukuba makenze oko. Lo mntu uya kungenisa ifomu B1-1680 kwigosa lezeMicimbi yaseKhaya eligunyazisiweyo ukuba lamkele izaziso ezinjalo. Igosa liya kugcwalisa ifomu B1-1680.
Amanyathelo okwazisa nokubhalisa ukufa
Inyathelo 1: Ugqirha ohlole umzimba womntu oswelekileyo kufuneka agcwalise ifomu yeSaziso sokuFa/imfa-mbilini ( B1-1663). Kukho icandelo kule fomu eligcwaliswa ngugqirha aze alifake emvulophini ayivale. Okunye okuseleyo kunamatheliswa emvulophini kuze kunikwe isalamane salowo uswelekileyo okanye umgcwabi onemfanelo yamalungiselelo omgcwabo. Imvulophu evaliweyo ingavulwa kuphela ligosa eligunyazisiweyo lezeMicimbi yaseKhaya.
Inyathelo 2: Izalamane kufuneka zithathe amaxwebhu ziwanike umgcwabiabamkhethileyo ukuba enze amalungiselelo omgcwabo. Ukuba umgcwabi ugunyazisiwe ukuba amkele izaziso zokufa uya kugcwalisa amacandelo afanelekileyo aze akhuphe umyalelo wokungcwaba (B1-14). Umgcwabi uya kungenisa iifomu ezigcwalisiweyo kwi-ofisi ekufutshane yezeMicimbi yaseKhaya ngenjongo zokubhalisa ukufa. EzeMicimbi yaseKhaya liya kukhupha isatifiketi sokufa isinike izalamane.
Ukuba umgcwabi akagunyaziswanga ngokuphathelele kumthetho wokwamkela izaziso zokufa kufuneka angenise amaxwebhu kwi-ofisi ekufutshane yezeMicimbi yaseKhaya okanye kwisiKhululo samaPolisa ukuze kube nokukhutshwa umyalelo wokungcwaba namaxwebhu okubhalisa.
Isatifiketi sokuFa
Izicelo zezatifiketio zokufa kufuneka zingeniswe kwi-Ofisi yezeMicimbi yaseKhaya ukuba isicelo senziwe phakathi eMzantsi Afrika. Ukuba kungaphesheya izicelo kufuneka zingeniswe kummeli-lizwe waseMzantsi Afrika. Isatifiketi sokufa esifinyeziweyo siya kukhutshwa ngaphandle kwentlawulo ngokubhaliswa kokufa kwangalo mini. Yonke eminye imibandela ifuna ukugcwaliswa kwefomu yesicelo B1-132 kunye nentlawulo eyi-R8.00. Isatifiketi sokufa esipheleleyo esingafinyezwanga siyafumaneka kwixabiso lama-R43.00.
Imiyalelo yokungcwaba
Kubalulekile ukuqaphela ukuba ngokuphathelele kuMthetho (uMthetho woBhaliso lokuZalwa nokuFa we-1992) akukho mgcwabo unokubakho ngaphandle kokuba ugunyazisiwe. Olu gunyaziso lungena kwifomu yomyalelo wokungcwaba. Amagosa ezeMicimbi yaseKhaya . amalungu amaPolisa oMzantsi Afrika kunye mabangcwabi abanyuliweyo bagunyaziswa ukuba bagcwalise iirejista zokufa ezibandakanyekayo kwaye bakhuphe imiyalelo yokungcwaba.
Ukufa okungeyonyaniso umntu orekhodishwe ngakungafanelekanga njengomntu owaswelekayo kwiRejista yabaNtu kufuneka anike ingxelo yoku kwi-ofisi yezeMicimbi yaseKhaya ekufutshane kuzokwenziwa uphando olungxamisekileyo kuze kukorekishwe newonga. Iqela epheleleyo leminwe kunye neefoto kwifomu B1-9 ziya kufuneka kule njongo.
Imbali yesazisi
Siphumelele kwimizamo yokumisela ithemba kwizigidi zabantu bethu. Singena kwisivumelwano sokuba siya kwakha uluntu apho bonke abemi boMzantsi Afrika, abantsundu nabamhlophe baya kuba nakho ukuzidla ngaphandle kokoyika, baqinisekise ilungelo lesidima somntu esingenakususwa- isizwe somnyama esinoxolo kuso nakwihlabathi"
Imbali yesazisi zoMzantsi Afrika inxulumene kakhulu kwisizwe siphela. Ichaza ukuba ngubani lowo uyiphetheyo. Kumntu omnye sisixhobo sengcinezelo, ukanti komnye yayikukufikelela kwilizwe lamalungelo awodwa.
Phambi kukameyi ngowe-1980 urhulumente wakhupha izazisi eziluhlaza. Oku yayikukuthatha indawo yedompasi eluhlaza okwesibhakabhaka ngoFebruwari kwangalo nyaka. Kwiphepha saso sokuqala zinkcukacha zomntu. Ulwazi olongezelelweyo umzekelo iphepha-mvume lokuqhuba, izatifiketi zokutshata njalo njalo zazincanyathiselwe kule dompasi kusetyenziswa izincamathelisa.
Ukususela ngoMeyi ngowe-9180 isazisi esiluhlaza esincinane sakhutshwa. Esi sasifakwe ematshinini ngokupheleleyo kwaye kongezwe iimpawu zokhuseleko ukusikhusela kukukhohlisa.
UMthetho wokuZazisa owasebenze ngowe-1986wazisa izazisi esiluhlaza njengoko sisazi. Phambi koku ukuba ubani uyatshata isatifiketi sakhe somtshato sasiqukwa kwisazisi. Oku kuphele ngokwaziswa koMthetho omtsha. Kwiminyaka elandelayo iinguqulelo ezithile zenziwa kwiSazisi kodwa zonke zazinxulumene kukhuselo lwaso oko kukuthi ukukhuselwa ukukhohliswa kwayo.
Isazisi samaphandle
Xa amaphandle TBVC ( Phesheya kweNciba, Bophuthatswana, Venda noMneno Nciba) ayesenziwa akhupha ezawo izazisi. Ezi zazifana nezo zikhutshwe ngurhulumente woMzantsi Afrika. Nangona kunjalo amanani alandelelanayo wabo enziwa ngokwahlukeneyo. Ukuphela kocalu-calulo la maphandle aba yinxalenye yeRephabliki yoMzantsi Afrika. Nabanina owayenesazisi esivela kumaphandle wanikwa isazisi soMzantsi Afrika.
Isazisi kule mihla
Sihambe umgama omda okoko salawulwa yintando yesininzi ukususela ngowe-1994. ISazisi esasisetyenziswa ukusahlula ngoku sisihlanganisa sonke njengabemi boMzantsi Afrika. Sibonakalisa iyantlukwano kwisizwe sethu, sisikhumbuza ukuba ummi ngamnye woMzantsi Afrika unobubodwa kwaye sibethelela ubuzwe.
IiNkcukacha zoqhagamshelwano zeMicimbi yaseKhaya
Ukuba ufuna ukuphawula malunga nenkonzo oyifumanayo kwiMicimbi yaseKhaya okanye unemibuzo khululeka uqhagamshelane nathi usebenzisa ezi nkcukacha zinikiweyo.
I-OFISI EYINTLOKO
Tsalela iziko leenkonzo zabaxumi
Ifeksi: 012- 8108169
I-OFISI ZAMAPHONDO
Iphondo laseMpuma Koloni
Ifeksi: 043 6434613/5
Ifeksi: 053 8326283
Ifeksi: 035 7891369
Iphondo laseMpumalanga
Ifeksi: 013 7533501
Iphondo laseNtshona Koloni
Ifeksi: 021 4617686
Umntu onokuqhagamshelana naye nguMnumzana Lusu
Ifeksi: 018 3845449
Ifeksi: 012 3234783
Ifeksi: 0114762402
Umntu onokuqhagamshelana naye nguNkosazana L Sithole
Ifeksi: 015 2914455
Ifeksi: 0514300295
